







Amakhasi Olutsha
IMISEBENZI
Izinto ezenzeka zingabonwa
UNtombi
UNtombi Gasa oneminyaka engama-21 waqala ngo-1993 ukudanisa yaye uyakuthanda. Wafunda ukudanisa emva kokufunda kwinkampani ekufutshane yokudanisa nasemva kokuvavanywa ngempumelelo ngabe Jazzart.

'Ndiyakuthanda ukudanisa. Ndiyayithanda imidlalo yeqonga enomculo njengothi' Evita 'nothi 'The Wiz'. Ndiqale kunyaka ophelileyo ukudanisa kule midlalo. Sikhe satyelela naseJamani. Apho besidanisa nabantwana abagogekileyo. Bekuchukumisa gqitha ukudanisa nabo.'

Akusoloko kumnandi yaye kulula ukudanisa, kukho neminye imisebenzi. Abadanisi abaninzi basebenza nzima. Ukudanisa kufuna amandla nokusebenzisa ingqondo. Baninzi nabantu abafuna ukudanisa. Maxa wambi kuza abantu abangama-200 kuvavanyo kube kufuneka abantu abathathu okanye abane.

UNtombi uthi abafundi mabangayeki isikolo kuba befuna ukudanisa. Endaweni yoko, ngoxa besafunda banokuya kufunda ngeempela-veki okanye sakuphuma isikolo.

Ukudanisa ngumsebenzi kodwa onzima. Abantu abaninzi abafumani mali ininzi, ngoko kufuneka ucingisise ngaphambi kokuba ube ngumdanisi. Xa ubucinga ngokwenza omnye umsebenzi kufuneka umdaniso kube yinto oyithandayo. Ungatshintshi umsebenzi onqwenela ukuwenza ngenxa yokudanisa.

UNtombi unethamsanqa lokuba uqeshwe yiSiwelasonke Dance Company. Oko kuthetha ukuba
Ntombi
ufumana umvuzo zonke iinyanga, nokuba udanisile na okanye akadanisanga.
Norhulumente uyayinciphisa inkxaso yakhe kwezobugcisa, kwaye oko kunokukwenza abadanisi abaninzi bangaphangeli.

UVusi
Uvusi Thabethe uneminyaka engama-27 yaye ungumdanisi kwiPlayhouse Dance Company. Wakhula enqwenela ukuba
Kubhale uUna Seery. Kufote uSalIy Giles.
ngumdlali webhola waza wathi etyelele eJohannesburg wenza uvavanyo lokudanisa olwawuguqulayo umsebenzi owayewunqwenela.

Ndandineminyaka engama-21 yaye ndingazange ndidanise ngaphambili. lJohannesburg Dance Foundation yayivavanya abadanisi ndaza nam ndaya. Kwakunzima xa ndandisaqala kodwa ndandikuthanda.

Xa ufuna ukwenza umsebenzi wobugcisa, qhagamshelana nezi ndawo zilandelayo ukuze
ufumane ezinye iinkcukacha:
CAPAB - P0 Box 4107, Cape Town, 8000.
PACT - P0 Box 566,
Pretoria, 0001.
Playhouse Company - P0 Box 5353, Durban, 4000







U kuphathwa kakubi kwabantwana ngumba owenza umsindo
nocaph u kisayo. Kodwa lolona hlobo lokuphathwa kakubi luqhelekileyo emakhaya naphakathi kweentsapho. Funda ngeentlobo ntlobo
zokuphathwa kakubi kwabantwana ukuze uqonde ukuba ngaba akuloxhoba na!








U
 kusetyenziswa kakubi ngokwesondo Iolona hlobo luxhaphakileyo lokuphathwa kwabantwana kakubi. Abantu abaninzi bacinga ukuba olu kuphela kohlobo lokuphathwa kakubi kwabantwana, kanti eneneni akunjalo. Mihla le ngamawaka-waka abantwana abaphathwa kakubi emzimbeni, emoyeni nasengqondweni - yaye badla ngokuba ngamaxhoba amalungu eentsapho zabo nabahlobo abasondelelene nabo.

Ukuphathwa kakubi komntwana kumenza adakumbe emoyeni okanye ingasebenzi kakuhle ingqondo yakhe. Kule nyanga siqwalasela iindidi ngeendidi
zokuphathwa kakubi kwabantwana, neendawo onokuncedwa kuzo xa ulixhoba lako.
Iindidi zokuphathwa kakubi kwabantwana

Ukuphathwa kakubi ngokomzimba
Kukho impikiswano neyantiukwano ngokuthi yintoni ukuphathwa kakubi komntwana emzimbeni. Abanye abantu bacinga ukuba ukubetha umntwana ogezayo kukumphatha kakubi oko. Eneneni kukho umthetho ochaseneyo nokuba iititshala nabazali babethe abantwana. Oko kuthetha ukuba
Amakhasi Olutsha
UNGCELELE LWESONDO




Ukuphathwa
kakubi
kwabantwana
unokubekwa ityala lokuphatha kakubi umntwana xa umbethe ngempama.
Ngaba uyavumelana nokutshiwo ngala mazwe ngokusetyenziswa koswazi? Uninzi lwabafundi luya kuthi 'ewe'! Kodwa baninzi abantu abakholelwa ekubeni ukubetha umntwana kukumqeqesha. Bathi urhulumente akafanefanga angenelele kokwenzeka ekhaya. Nokuba zithini na izimvo zakho, kukho iimeko apho abantwana baphathwa kakubi emzimbeni ngabazali babo. Loo meko kuxa umntwana enzakele emzimbeni okanye ebuhlungu emoyeni ngenxa yokuphathwa kakubi. Makhe sijonge imizeketo embalwa:















Amakhasi Olutsha
UNGCELELE LWESONDO



Ukuphathwa kakubi emzimbeni

Ukophuka nokwenzakala kwengqondo
Olu lolona hlobo luxhaphakileyo lokuphathwa kakubi emzimbeni. Baninzi abantwana abafayo ngenxa yoku beseneminyaka engaphantsi kweminyaka emibini. Phofu ke amaxesha amaninzi abazali badla ngokuthi umntwana uwile okanye uzenzakalise yena. Kunzima ukufumana inyaniso xa umntwana esoyika ukuthetha.
Ukwenzakala ngaphakathi
Umntwana udla ngokwenzakala ngaphakathi ngenxa yokubethwa kakhulu. Ugqirha nomongikazi banokutsho ukuba wenzakale njani.

Ukutsha
Abantwana badla ngokutsha ngengozi. Kukho iimeko apho abazali bamtshisa ngabom umntwana kuba bemohlwaya. Badla ngokutshiswa ngecuba. Kodwa kunzima ukubona ukuba utshisiwe kuba izilonda zokutshiswa licuba ziyafana nezilonda ezizivelelayo.
Ukutyiswa ityhefu
Abanye abazali banika abantwana utywala namayeza ukuze bangakhali. Kwakhona kunzima ukufumana ukuba umntwana utyiswe ityhefu kuba abazali badla ngokuzihlangula ngokuthi abantwana bazithathele iyeza okanye utywala.

Ukukhuthuka.okusikeka
lititshala ezininzi zibona ukukhuthuka nokusikeka ebantwaneni abancinane. Xa umntwana esoloko ekhuthukile okanye esikekile oko kubonisa ukuba uphethwe kakubi. lnkcazo edla ngokunikwa ngabazali azingqinelani nendlela umntwana asuka ekhuthuke ngayo.
X a umntwana ephethwe kakubi emzimbeni abazali
okanye abantu ababagcinayo badla ngokuba
nenkcazelo ngokwenzakala kwabo. Oko kwenza
kubenzima ukufumana inyaniso ngokuphathwa kwabo kakubi. Xa kusenzeka oko uqinisekisa njani ukuba akaqhubeki nokuphathwa kakubi? Ziliqela izinto onokuzenza.

 Abantwana: Xa uphethwe kakubi emzimbeni, mxelele umntu owenza loo nto kwititshala, umhlobo okanye omnye umntu wosapho. Usenokoyika ukuyixela Ie nto kuba abazali bethe ungaxeleli mntu. Basenokuba bakoyikise ngokuba baya kukubetha xa ukhe waxelela omnye umntu. Ukhumbule ukuba abanakuyeka ukwenza ububi abenzayo de ayekiswe ngandlela ithile.

Xa usoyika ukuxelela abahlobo okanye usapho lwakowenu, tsalela umnxeba kwiChildline kule nombolo (080005 5555). Kukho abantu abaya kukucebisa apho ngomawukwenze. Abanakuthetha nabazali bakho bengakhange bathethe nawe kuqala ngaloo nto.

 lititshala: Kunzima ukubona umntwana ophethwe kakubi kuba abazali nabantwana badla ngokuyifihla loo nto. Xa ukrokra ukuba omnye wabafundi bakho uphethwe kakubi, kufuneka ufumane ukuba kuyinyaniso na oko. Ungakwenza njani oko?

Ngaphandle kokujonga iimpawu ezibonakalayo zokuphathwa kakubi komntwana, abanye abantwana abanale ngxaki badla ngokuziphatha ngendlela ethile. Abanye banokubonisa iimpawu zokuziva bengakhuselekanga. Abanye banokuba nezinye iimpawu
- ngokuba neengcwangu nangokusoloko befuna ingqalelo. Xa uqaphela ezi zinto, zama ukuthetha nomfundi. Menze akuthembe, mhlawumbi uya kukuxelela ingxaki yakhe. lcebo kukuba ufowunele iChildline ucele icebiso.

Enye into onokuyenza kukuthetha ngokukhululekileyo
ngokuphathwa kakubi kwabantwana. Bafundise ukuba banelungelo ngemizimba yalo nokuthi akufanelanga kubekho umntu oyisebenzisa kakubi. Ngokuhamba kwexesha luya kuphela uloyiko lokuthetha ngezinto ezenzeka kubo.
 Abazali nabagcini babantwana: Kwabo basenokuba baphethe kakubi abantwana babo, iChildline iya















Amakhasi Olutsha
UNGCELELE LWESONDO























Kusoloko kukho ingxabano
ekhaya. Utata usoloko
embetha umama. NdihIaIa
ngoloyiko yaye ndizama
nokuba ndingahlaii kakhulu
ekhaya.

Ukuphathwa kakubi ngokomoya
Le yimizekelo yokuphathwa kakubi emoyeni kwabantwana ebomini babo. Ukuphathwa kakubi emoyeni yeyona ndidi iqhelekileyo yokuphathwa kakubi kwabantwana. Okwenza ibe kukuphathwa kakubi kukuba yenzeka ixesha elide.

limpawu eziqhelekileyo yokuphathwa kakubi emoyeni kukulindela izinto ezingaphezu kwamandla omntwana; ukuhlala komntwana kwikhaya elinodushe nokungahoywa komntwana. Ngaba enye yezi zinto iyenzeka kuwe? Makhe siqwalasele ukuba sithetha ntoni kanye.

Abazali abaninzi bafuna izinto zifumaneke lula yaye zibe bhetele kubantwana babo. Baye balindele
Umntakwethu ngoyena uthandwayo ekhaya. Abazali bethu basoloko bempha imali. Abamxeleli ukuba akukho nto yakhe nokuba ulivila. Ngaba
Ndingayithini le ngxaki?



izinto abangekuziphumeza abantwana njengokuba ngugqirha okanye ingcali yesayensi. Kubakho ukungevani xa umzali elindele into angenakuyiphumeza umntwana wakhe.

Maxa wambi abazali banokumenza buhlungu umntwana xa bebonakalisa ukuba kukho umntwana abamthanda ngaphezu komnye. Oko unokukuva kwabakutshoyo, kwabakwenzayo nangokukwekwa kwabo.

Benza izinto ezahlukeneyo abantwana abaphethwe kakubi emoyeni. Abanye bafunda ukungayihoyi loo nto baze
Utata ufuna ndibe ngugqirha
yaye ulindele ukuba
ndiyofunda eyunivesithi. Ndiyayicaphukela imaths nescience yaye andifumani manqaku mahle kwezi zifundo
Ndiyoyika ukuba uza
kundibetha kwakhona
kwakufika !ngxelo yam
yesikolo.

baqhubeke nobomi babo. Abanye kubaphazamisa gqitha oko -bathande ukulala yaye bangaqhubi kakuhle kwizifundo zabo.

Xa uqonda ukuba uphethwe kakubi emzimbeni okanye emoyeni, zama ukufumana uncedo. Xa umntu oqale wamxelela ngengxaki yakho akakukholwa, zama ukufumana umntu oya kukukholwa. Ukhumbule ukuba akanakuyeka ukukuphatha kakubi. Kufuneka uzame ukukuphelisa!



10 BONA XHOSA - December 1996

	Esi sihlomelo siIhalwe kwiMondi Rotogloss 55 gm2

		BONA XHOSA - December 1996 1 1

	Nifundiswa ngephepha IakwaMondi Paper

12 BONA XHOSA - Decembet 1996

	AbakwaMondi Paper benza imfundo ifumaneke kumntu wonke

		BONA XHOSA - December 1996 13

	AbakwaMondi Paper bavuyisana neBona ngempumelelo yeminyaka engama-40

